Iphepha lemibuzo lovavanyo lweemfuno
Kulo naliphi na iziko elikhulu kulindelekile ukuba abasebenzi bahlelwe ziingxaki amaxesha ngamaxesha kwaye oku kunganempembelelo ezigxekekayo kwimisebezi eyenziwayo kunye nakulonwabo jikelele. Eli phepha lemibuzo linenjongo yokucebisa ngemfuno zabasebenzi be-DWAF abathi babenazo kunye nokuba zenziwa njani na.
Ligcwaliswa njani eli phepha lemibuzo
Eli liphepha lemibuzo elilihlebo. Wonyuliwe ngokungakhethiyo njengenxenye yesampulu ye-10% yabasebenzi be-DWAF kwiPhondo loMntla. Akukho mfuneko yokubhala igama lakho kwiphepha lemibuzo. Sinomdla wokuba isampulu emele abasebenzi be-DWAF icinga ntoni na ngeemfuno zayo, umdla wethu awukho ekufumaneni iingxaki zomntu ngamnye.
Unganceda ufunde le mibuzo ilandelayo ngenyameko uze wenze olu phawu ( ) kwibhokisi phantsi kwempendulo eyeyona ichanekileyo kuwe. Nceda uzame ukuphendula yonke imibuzo. Enkosi ngenxaxheba yakho oyithathileyo kolu phando. Siya cinga okokuba izinto ezifunyanisiweyo kunye neziphumo ziya kuba luncedo kuwe kunye nakwizihlobo.
Ukuluphi na udidi lweminyaka?
Uyindoda okanye umfazi?
indoda umfazi
Ingaba utshatile?
Anditshatanga
Ndiyahlalisana
Sohlukene
Umtshato wachithakala
Ndingumhlolo/mhlolokazi
Nditshatile
Qaphela: "Ukutshata" kuquka owesintu, owasecaweni kunye nomtshato wasenkundleni.
Loluphi ulwimi lwakho lwasekhaya?
Olunye (Cacisa)
Ukuluphi udidi lomsebenzi? (nceda wenze uphawo kwimpendulo ibenye)
Umphathi
Ubugcisa kwezobuchwepheshe
Umsebenzi woBugcisa
Ulawulo
Umsebenzi nje
Qaphela: "Umphathi" Ubhekisa kuBancedisi babaLawuli ukuya kuMphathi Oyintloko, ngokunjalo nabantu abakwiwonga elilinganayo nelo.
-1 iminyaka
-5 iminyaka
-15 iminyaka yeminyaka okanye ngaphezulu
Loluphi udidi oluphezulu lwemfundo ofikelele kulo?
Isiqiniselo esithile semfundo (imfundo ngezoBugcisa)
Isiqinisekiso okanye Isiqiniselo esithile semfundo
Ibanga le-10 okanye okusondele koko
Ulilungu leNgxowa eNcedisana noNyango ulilungu okanye uxhomekekile?
Hayi
Ewe
Ukuba kunjalo, nceda ubhale igama lengxowa encedisana nonyango:
Ukuba ngoku wena okanye ilungu losapho lwakho luzifumana lunengxaki enzima, ingaba uye ufune uncedo kuye nawuphi na umntu/ iinkonzo ezidweliswe ngasezantsi? (Ungenza uphawu kwibhokisi ezingaphezulu kwenye kule impendulo)
Ilungu losapho
Iziko lakho lenkonzo
Kubafundi ngengqondo abasekhusini okanye unontlalo ntle
Ugqirha
Umhlobo emsebenzini
Umhlobo wakho okanye ummelwane
Akkho mntu; ndiyazixazululela iingxaki zam
Enye nje (Nceda chaza)
Unganawo na umdla wokuya kwiintlanganiso ezenziweyo malunga nazo neziphi iingoxo ezilandelayo? (Ungenza uphawu kwibhokisi ezingaphezulu kwenye kule impendulo)
Ukulawulwa kwemali,uqingqo mali, imali mboleko, njalo njalo.
Ukutshintshelwa kwezinye iindawo, ukuncitshiswa kwenani labasebenzi okanye ukudla umhlala phantsi
Usapho, umtshato okanye iingxaki zabantwana
Enye inkcazo (Nceda Cacisa)
Andifuni ukuya kuyo nayiphina intlanganiso eloluhlobo
Abacebisi babucala
Ukudityaniswa kwabacebisi bobabini oko kuxhomekeke kuhlobo lwengxaki umsebenzi anayo
Ingaba ucinga okokuba kungenza ngcono ukuphila kwabantu kwi-DWAF ukuba ngaba banokufumana iingcebiso ezihlawulelwa yi-DWAF, kwingxaki abathi babenazo (kudidi lwabacebisi olukhethe ngasentla kumbuzo we-12)
Ewe
Hayi
Loluphi na ulwimi / iilwimi okhetha ukucetyiswa ngalo?(Ungenza uphawu kwibhokisi ezingaphezulu kwenye kule impendulo)
Olunye nje(Cacisa)
Ukuba I-DWAF inika iinkonzo zengcebiso ezilihlebo ubuso ngobuso (isebenzisa naluphi na udidi labacebisi obakhethileyo) ubunokuzisebenzisela bani ezi nkonzo?
Ukuthumela abangaphantsi kuwe ngokomsebenzi okanye abahlobo abanengxaki
Ukwenzela wena
Ukuthumela amalungu osapho
Ukuba ngaba I-DWAF inika ucingo lwafelefele olusebenza iiyure ezingama-24 yexesha lobunzima yokuba abantu batsale umnxeba xa beziva benobunzima,ubunokulusebenzisela bani? (Ungenza uphawu kwibhokisi ezingaphezulu kwenye kule impendulo)
Ukuthumela abangaphantsi kuwe ngokomsebenzi okanye abahlobo abanengxaki
Ukwenzela wena
Ukuthumela amalungu osapho
Uzifumana kangaphi na iingxaki zempilo okanye zonyango?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Uzifumana kangaphi na iingxaki nomyeni wakho okanye inkosikazi yakho okanye umlingane wakho?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Uzifumana kangaphi na iingxaki kunye nabantwana bakho?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Uzifumana kangaphi na iingxaki nosapho lwakho?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Uzifumana kangaphi na iingxaki zokuziva ngathi udakumbile?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ulufumana kangakanani uloyiko lokuba unesifo okanye ufumene isifo I-HIV/AIDS?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ukuzikhusela ekufumaneni intsholongwane ye-HI
Kuthetha ukuthini ukuba neziphumo eziqinisekisayo okanye ezilandulayo zovavanyo lwe ntsholongwane ye-HI
Ubuphila njani ubomi obupheleleyo xa uqinisekiswe ukuba unentsholongwane ye-HI
Imo namalungelo akho emsebenzini njengomsebenzi oqinisekiswe ukuba unentsholongwane ye-HI
Andilufuni ulwazi ngaso nasiphina esinye sezizihloko
Ingaba unoloyiko lokudla umhlala phantsi?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ingaba ufumana uloyiko lokuba kwiqela elifumana ukudendwa?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ingaba ufumana iingxaki ezizezakho okanye zelungu losapho elikufutshane kuwe zotywala okanye zeziyobisi?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ingaba ufumana iingxaki ezinxulumene nomthetho?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ingaba ufumana iingxaki ezinxulumene nezemali?
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Ingaba wena okanye ilungu losapho elikufutshane kuwe lakhe lalixhoba lolwaphulo mthetho na?
Ewe
Hayi
Ingaba ngamanye amaxesha ufumana izinto ezikudakumbisayo ezinxulumene nomsebenzi ngenxa yayo nayiphi na le miba ilandelayo? (Ungenza uphawu kwibhokisi ezingaphezulu kwenye kule impendulo)
Uloyiko namathuba okunyuselwa okanye ukhuseleko emsebenzini ngenxa yenkqubo zokuLingana kweMaqela abantu kwezeNgqesho
Ukuphathwa kakubi esiqwini okanye ngentetha ngabaphathi
Iingxaki zentlawulo, ukunyuselwa okanye okanye inkqubo yokuvuzwa ngokomsebenzi omhle
Ukuhlala kude nomyeni, umfazi okanye abantwana
Ukuxhatshazwa ngokobuni
Okunye (Nceda cacisa)
Sokuze
Ngamanye amaxesha
Amaxesha amaninzi
Onke amaxesha
Enkosi ngokugcwalisa eli phepha lemibuzo. Sixabisa inkxaso yakho!
290 1245 - ngamaxesha omsebenzi
